U
 MTSHATO awuyondlwan iyanetha kwabasetyhini ekufuneka baqonde ukuba konke kuqhuba kakuhle ekhaya. Bajamelene kungekuphela nje nokuba iintsapho zabo kufuneka ziqalise ubomi obutsha kodwa kwanokuba ngamalungu osapho olutsha kunye nabantu basebukhweni.
Kule mihla njengoko kunzima, inkoliso yabasetyhini yenza ukhetho oiulula ize irhoxe. Amanani amavanje oqhawulo mitshato abonisa ukuba emithathu kweli- O ayixikixwa-nto.
Xa abantu abaninzi bengafane bayibone imitshato yabo iphela kakubi, nkqu kumakhaya eendwalutho zaseMzantsi Afrika, nokusoloko zibonwa kuyibangela ingxaki ithande ukunika umdla ngobukho babasetyhini abaye babhaqa imfihlo yokonwabisa ukuze kubekho imvano ekhayeni. La manenekazi njengathi sonke ajamelana neentlungu nemivuyo yokuba ngowasetyhini, abelana nathi ngeemfihlo zokuphumelela...



UMapuie noBciby Jake Mitlala
Xa uBaby Jake ethulula izithonga ezimandla, inkosikazi yakhe uMapule ulapho esoloko exhasa umyeni wakhe emnika ihlombe ekufutshane neqonga lamanqindi.
Siyathandana, sikuvuyela ukuzenza zinto sindawonye, utshilo ngomtshato wabo osewuqhube ithuba elide.
UPule oqhuba amashishini amaninzi osapho kuquka neshishini elibizwa ngokuthi Baby Jakes Diners ngumKrestu kwaye ubulela uThixo ngolonwabo lwakhe.
Ukutshata akunzima xa ukulungele ukufunda nokuba nomondo nokubonisa intlonipho, unaloo nkolelo.
Enye yezona mpazamo ezenziwa ngabantu emtshatweni kukuba abalazi kakuhle iqabane labo, ulumkise watsho uMapule. Akunakuze ukuqonde okona kuza kuqala kuwe, ukungathembeki kuye kwenzeke xa ungalazi iqabane lakho
Umtshato umncedile wakhula ngokobuntu, utshilo uMapule.
Uye ube namava ekuhambeni kweminyaka, kwaye xa unendoda ekuxhasayo, engazami nje ukukholisa unina ukuze inkosikazi yayo ihlupheke, likho ithuba lokonwaba.
UGarry noAlex Ramtsell
U msasaz i owaziwayo kwiM-Net uGerry Rantseli unenkolo yokuba umtshato ophumelelayo usekelwe ekwazini ukuba ungabani nokuba ufuna ntoni ebomini.
Kufuneka ufunde ukuchitha ixesha uwedwa unik ingqalelo kubomi bakho. Xa usazi ukuba ujolise phi, unokuziso-mbulula ngcono iingxaki ezithi thaphu gqi, utshilo.
Xa uAlex (owakhe wangumsasazi wodumo kwiKhaya FM) endikhumbuza ngokuba iintlungu nemivuyo yobomi bomtshato ziqala xa itheko lomtshato liye linik ihIonbe, ndiyaqonda ukuba luthando olusibangela sibe sisaphumeleta.
Siyathandana ngathi iqhina lomtshato silibophe ngezolo. UGerry oyi nzwa kazi uyavuma ukuba ubomi bomtshato ubukhathalela ngo kwendlela yakwantu.
Ndisenenkolo
yokumphathela ukutya ngetreyi, umyeni wam ndimbangela azive ebalulekile ndibonisa nokuba ndiyamkhathalela.
Phofu ke apha emtshatweni
kufuneka usebenze, akungomba nje wokungathi ubethwa ngumoya epakini.
Esi sibini siyakuvuyela ukuba ndawonye ukanti kunqabile ukubabona bengekho kunye.
Xa uAlex esiya ejimini kwisithuba nje seyure, ndiziva nje ndililolo
engekahambi, utshilo uGerry.


Utetta Mbulv noCciiphus Seiiienya
Umlonjikazi nomama wamakhwenkwe amathathu enomculi uCaiphus Semenya sebeminyaka engaphezu kwama-35 betshatile, uwuchaza
umtshato wabo uphumelele ngenxa yokukholelwa eNkosini.
ULetta uchaze wathi: Zonke iingxaki zethu siziphosa Kuye size sithembe ukuba Nguye onokusikhokela ngcono.
Utyibele wathi kubulungu ukubona inkoliso yamanenekazi awayecinga ukuba emva komtshato aya kukwazi ukutshintsha amadoda awo afanele akulindeleyo.
Nobabini anazani nohlala ninjalo umlibe. Kufuneka niqonde ukuba indoda ilotoo hlobo lomntu kukho neenkalo ongenakuzitshintsha kuyo -kunjalo nangawe. Ukuze nibe nomtshato wolonwabo kufuneka
BONA XHOSA - ApriI 2000 67


EcIei kwmocl ziindw1otho.,.
nomtshato wolonwabo kufuneka niqondane ninyamezela iziphoso zomnye, ukholelwa koko uLetta.
Akukho ndlela yemitshato ephumelelayo, utsho uLetta kodwa zine izikhokelo ezisiseko solonwabo lwakhe njengenkosikazi.
Uthando, ukuthemba, ukuqonda nethuku lemvelo zizizathu zokuba mna noCaiphus sibe ngamaqabane onwabe kangaka - ezo mpawu zisincede sobabini siyiqabelise imisebenzi yethu nomtshato wethu.
Encumile uthe: Ngamanye amaxesha kunokuba nzima. Kodwa ndiyazixelela ukuba emsebenzi n i uCaiphus ngumntu endisebenza naye nemvumi esicula nayo kodwa ekhaya yindoda yam nobawo wabantwana bethu - ndimnika imbeko emfaneleyo.
ULetta ulumkise wathi: Ulutsha malulumke xa kufuneka lukhethe iqabane lobomi. Akakho onokukuxelela ukuba ngubani umntu olungileyo -wena phulaphula elo lizwi lomntu ongaphakathi kuwe.
Ukutshata kuzalisekisa
okomphefumlo wakho. Xa ungekatshati, ucinga ukuba umi kakuhle - kodwa oku kungenxa yokungazi ukuba kukho okukuphosayo.


USivita noVuyo Mbuii
Uyibonile inkqubo yokusebenza kukaVuyo kwinqaku elithi Sityelele lndwalutho, ngoku ke khawuve okuthethwa liqabane elisekela uMbuli...
Enama-22 eminyaka uSavita, umphathi kwezonxibelelwano kwiY-FM. uyibonile iPrince Charming yakho waza walangazelela ukuzinza aphile ngolonwabo emva koko. Namhla indima yekhe yokuba yinkosikazi, umama nenenekazi elineshishini uyiphumeza kakuhle, kodwa uyavuma ukuba umtshato awuyondlwan iyanetha.
Ukuqondana nokuba nomonde ongapheli kubangela eso sibini siphumelele. Xa uphuma kwimvelaphi eyahlukileyo njengovuyo nam, kufuneka nizimisele ukuwubangela umtshato uphumelele.
lnkaba kaSavita ikhonjwa eMpuma Koloni ukwathe akanazingxaki nabasebukhweni.
Abakulovuyo bahlala eSoweto, sikhe ngeecawa sibatyelele. Kwelinye icala
umama wam osahlala eMpuma Koloni uyakhalaza xa kuphela iintsuku ezintathu ndingakhange ndithethe naye
Mihlanu iminyaka etshatile uSavita kwaye wonwabe kakhulu kuba engumama.
Okuncedayo kukuba uVuyo yindoda eqondayo. Xa ndixinekile ndiyazi ukuba ndinokuthembela kuye akhathalele usana kwaye ukwenza oko onwabile.
lnye ingxaki yokuba ngumama, kukuba xa uSiphosihle ekhala ebusuku ndivuka qho, utshilo ehleka. UVuyo usoloko endixelela ndingakhathazeki ndilale kangangokuba ndiye ndingalali xa ndingakhange ndihlole umntwana wethu.
Xa singaphangelanga esi sibini
siyakuthanda ukuphola, sibukele iifilim, sitye ndawonye.
Andinakuze ndingatyi kuba uVuyo akakuthandi ukutya yedwa, uhleke watsho uSavita.
NjengoLetta uSavita uthi ukutshata yeyona ntsikelelo unokuyicela.
Akunakuze uthelekise ukungatshati nokutshata. Ukwazi ukuba ukho okuthandayo nofuna ukuchitha ubomi bakhe nawe kuthomalalisa kuluncedo engqondweni. iba Iapho ukuze uqonde.
INOBUNONO;
IYAMAN GALISA
IGentle Magic yicrearn yokunonophela ulusu, ayibukhali, inokusetyenziswa lusapho lulonke ngaphandle kwexhala.
!imveliso zeGentle Magic zineevithamin neph balance. Zicoca, zondla zize zifumise ulusu zilushiya Iuthambe okwesilika kungekho ukuba ncangathi kwamafutha. lzithako ezikhethiweyo zikhusela ulusu kwizifo zikwanesikhuseli-langa esongeziweyo esiyi-factor of 1 6.
Xa ukhathalela ulusu lwakho, sebenzisa iGentle Magic ... uza kukuva ukuthamba. IGentle Magic ... yicfeam
enobunono nesebenza ngokumangalisayo.
lyafumaneka kwiikhemisti neevenkile ezithengisa izithambiso.



Bdll imidIIo
E FANAYO
Ulwalamano
- lungabange!a ukhuphiswano Iubenzima kakhulu njengoko amawele aseMzantsi Afrika kwezemidlalo esoloko ebonakalisa njalo

kubalisa uBONGANJ KALUKHELE
kutote uMUSA HLABANE


B
 ayazibonakalisa kubantu abadlala nabo nakubabukeli, abangakholelwayo xa bebabona bethabatha iindawo zabo ebaleni
lemidlalo. Endaweni yoko amawele
ezemidlalo aseMzantsi Afrika azimisele
ukulwa idabi labo - oyise elinye icala.
Abathandi bebhola bakubonile oku xa
70 BONA XHOSA - ApriI 2000


uWlfred noWilliam Mugeyi be-Umtata Bush Bucks. nomdlali waseswini weBafana Bafana uHelman Mkhalele newele lakhe uNkosiyethu weAfrican Wanderers bedla1a. Neembaleki uMeshack noShadrack Mogotsi ziimbaleki ezaziwa kakhulu. Kodwa bambalwa kakhulu abantu abaziyo ukuba maninzi amanye amawele abalaseleyo - kwaye idabi labo ebaleni yinxalenye yolwamano lwabo.


Bobabini baziimbileki
Baqala ukubaleka xa babesesikolweni eBoipakitso Primary kwaye uPhalula oneminyaka eli-17 waseSoweto, uLebo noLebogang, ziimbaleki ezibalaseleyo zaseMzantsi Afrika.
Beqhayisa ngemibala yezemidlalo zephondo laseGauteng, babangundaba mlonyeni xa bobabini banxiba umbala oluhlaza nogolide beyokumela ilizwe labo kugqatso olwaziwayo iCity/Surf 1 4 kilometre Road Race olwalubanjelwe eAustratia kulo nyaka uphelileyo. ULebogang waphumelela kwabancinane waze waphuma kwindawo yesixhenxe ngelixa uLebo kwanyanzeleka akwamkele ukuphuma kwindawo yama-20 kugqatso lonke waze waphumetela kwindawo yesithathu kwiqela lakhe. ULebogang waphumelela kwindawo yesixhenxe ku-800m kwiWorld Junior Championships ePoland kunyaka ophelileyo.
Ukuzama ukufikolela entanijeni kuqata ibelidabi etinzima phakathi kwabadade babini - kwaye ngamanye amaxesha ukukhuphisana kwabo ibeyeyona nto ibalulekileyo kunokuvana kwabo.
Siyathanda ukubaleka sobabini kodwa uLebo ngamanye amaxesha uyandicaphukisa kuba akafuni ndimshiye, ukhalaza atsho uLebogang emva kokuphuma kwindawo yokuqala kugqatso lwe-3 000m. Namhlanje ude wazama ukundiwisa xa ebona ukuba ndiza kumshiya ngamendu.
Ubaleka kakuhle kugqatso lweekhitomitha eziii-1 O, kodwa akafuni kwamkela ukuba ndiyamodlula ngokubaleka. Phofu, wakho wandishiya ngenye imini xa ndandigula.
Hayi! uphenduta atho uLebo. Andikhatazi xa endishiya -ndiyakwamkelwa ukoyiswa. Kodwa eakhe ibali lahlukije. Lonke ixesha ndiphumelela, usoloko enezizathu -
akanayo intliziyo yomdtali. Nangona aba bafundi babini
baseHoerskool Vorentoe eRoodepoort bekhuthazeka, bayavumelana ukuba ukukhuphisana ngesakhono sabo kuyabanceda babaleke nangakumbi.
Nangona beziqeqesha bobabini, la
mantombazana mabini aneetshomi ezahtukileyo kwaye umntu uhamba iindlela yakhe. Bakwaxoxa ngogqatso ebusuku kuphela phambi kokuba bayotala.
Asimonelani, nangona kunjalo Siyayazi ukuba ukhona ozobuya nodumo aluzise ekhaya! utsho uLebogang.
Badlala isquash
Baziwa njengabona badlali besquash
abagqwesiteyo abaphuma ezilokishini, uJonathan noJames Letlake abanama-21 baseMeredate kumazantsi aseJohannesburg, abathethi nto ngomdlalo wabo. Endaweni yoko bathetha ngokuphumeleta kushishino lwezomculo.
Sidlale isquash iminyaka emininzi ngoku kwaye njengoko sisaziwa ngengabadlali, asinanto yakubonisa

